Sponsored Links
Want to see your ad here? Read about Sponsored Links.

Inkcazo-Jikelele Ngeemfanelo Zoluntu
Universal Declaration of Human Rights

Inqaku la-21 Article 21
  1. Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba kwezobuRhulumente belizwe lakhe ngqo okanye ngokusetyenziswa kwamalungu akhethiweyo.
  2. Wonke umntu unethuba elilinganayo lokusebenzela uRhulumente welizwe lakhe.
  3. Intando yoluntu iya kuba sisisekelo sempatho kaRhulumente; le ntando iyakubonakaliswa ngamaxesha athile nangobunyani belungelo lovoto eya kwenziwa ngokufihlakeleyo okanye ngendlela elinganayo yokuvota ngenkululeko.
  1. Everyone has the right to take part in the government of his country, directly or through freely chosen representatives.
  2. Everyone has the right to equal access to public service in his country.
  3. The will of the people shall be the basis of the authority of government; this will shall be expressed in periodic and genuine elections which shall be by universal and equal suffrage and shall be held by secret vote or by equivalent free voting procedures.
Inqaku la-22 Article 22
Wonke umntu njengelungu lombutho woluntu, unelungelo lokhuseleko lombutho woluntu kwaye enelungelo lokuphumeza, ngeenzame zobuzwe nangemvisiswano zamazwe nangokuvumelana nemibutho namacebo obuRhulumente ngokwezoqoqosho, ezentlalo namalungelo amasiko neemfanelo zesidima nenkululeko engenkqubela-phambili yobuntu bakhe. Everyone, as a member of society, has the right to social security and is entitled to realization, through national effort and international co-operation and in accordance with the organization and resources of each State, of the economic, social and cultural rights indispensable for his dignity and the free development of his personality.
Preamble (1) (2) Articles 1-3 4-8 9-11 12-14 15-17 18-20 21-22 23-24 25-26 27-28 29-30
Home Instructions Articles Izaci About Us Thank You Forum
Contact Us Sitemap Phrases RSS Feeds Sponsors Resources Admin