| 
         
          
         
 
        
 
        
 
        
       | 
      
        Inkcazo-Jikelele Ngeemfanelo Zoluntu 
        Universal Declaration of Human Rights
        
          
            | Inqaku-15 | 
            Article 15 | 
           
          
            
              
                - Wonke umntu unelungelo lobuhlanga.
 
                - Akukho namnye oya kuhluthwa ubuhlanga bakhe okanye ahluthwe ilungelo lokutshintsha ubuzwe bakhe.
 
               
             | 
            
              
                - Everyone has the right to a nationality.
 
                - No one shall be arbitrarily deprived of his nationality nor denied the right to change his nationality.
 
               
             | 
           
          
            | Inqaku le-16 | 
            Article 16 | 
           
          
            
              
                - Amadoda namakhosikazi aselekhulile, ngaphandle kokuthintelwa ngenxa yobuhlanga, ubuzwe okanye inkolo, banelungelo lokutshata babe nosapho. Banamalungelo alinganayo emtshatweni naxa sewuqhawukile.
 
                - Kuya kutshatwa ngokukhululekileyo nangokupheleleyo ngemvume yabo baza kuba ngumyeni nenkosikazi.
 
                - Usapho lusisisekelo esibalulekileyo sendalo kuluntu kwaye lunelungelo lokhuseleko oluvela kuluntu nakuRhulumente.
 
               
             | 
            
              
                - Men and women of full age, without any limitation due to race, nationality or religion, have the right to marry and to found a family. They are entitled to equal rights as to marriage, during marriage and at its dissolution.
 
                - Marriage shall be entered into only with the free and full consent of the intending spouses.
 
                - The family is the natural and fundamental group unit of society and is entitled to protection by society and the State.
 
               
             | 
           
          
            | Inqaku le-17 | 
            Article 17 | 
           
          
            
              
                - Wonke umntu unelungelo lokuba nezinto ezizezakhe yedwa kunye nezo azidibanele nabanye.
 
                - Akukho namnye oyakuhluthwa athathelwe izinto zakhe.
 
               
             | 
            
              
                - Everyone has the right to own property alone as well as in association with others.
 
                - No one shall be arbitrarily deprived of his property.
 
               
             | 
           
          
            | 
              
             | 
           
         
       |