Sponsored Links
Want to see your ad here? Read about Sponsored Links.

Inkcazo-Jikelele Ngeemfanelo Zoluntu
Universal Declaration of Human Rights

Inqaku le-12 Article 12
Akukho namnye oya kuphazanyiswa kubomi obubobakhe, kusapho lwakhe, kwikhaya lakhe okanye ngokwembalelwano, nokuba kukuhlaselwa okuhlisa isidima nodumo lomntu. Wonke umntu kufanelekile ukuba akhuselwe ngumthetho ekuphazanyisweni okanye kuhlaselo. No one shall be subjected to arbitrary interference with his privacy, family, home or correspondence, nor to attacks upon his honour and reputation. Everyone has the right to the protection of the law against such interference or attacks.
Inqaku le-13 Article 13
  1. Wonke umntu unelungelo lokuhamba nokuhlala phakathi kwemida yasebuRhulumenteni.
  2. Wonke umntu unelungelo lokushiya nokuba leliphi ilizwe nelakhe ngokunjalo kwaye aphinde abuyele kwelakhe ilizwe.
  1. Everyone has the right to freedom of movement and residence within the borders of each State.
  2. Everyone has the right to leave any country, including his own, and to return to his country.
Inqaku le-14 Article 14
  1. Wonke umntu unelungelo lokucela aze axhamle indawo yokhuseleko elubhacweni kwamanye amazwe.
  2. Eli lungelo alinakukhuselwa wakumangalelwa ngenyaniso engenamvelaphi, ulwaphulo-mthetho olungenazipolitiki okanye kumthetho ochasene neenjongo zomthetho-siseko zeZizwe ezimanyeneyo.
  1. Everyone has the right to seek and to enjoy in other countries asylum from persecution.
  2. This right may not be invoked in the case of prosecutions genuinely arising from non-political crimes or from acts contrary to the purposes and principles of the United Nations.
Preamble (1) (2) Articles 1-3 4-8 9-11 12-14 15-17 18-20 21-22 23-24 25-26 27-28 29-30
Home Instructions Articles Izaci About Us Thank You Forum
Contact Us Sitemap Phrases RSS Feeds Sponsors Resources Admin